Friday, September 30, 2016

Uisaya 33 , izibhalo ezingcwele ( xho75 ) , nizale






+

UISAYA 33 XHO75 [sigla] подготовлено для Вас [editore] Подробнее. 1 Yeha ke, mbhuqi, wena ke ungabhuqwanga; nginingini, wena ke ungatshinizelwanga! Wakugqiba ukubhuqa, uya kubhuqwa; wakukufeza ukunginiza, uya kunginizelwa. 2 Yehova, sibabale, kuwe Sithembele; Yiba yingalo Yabo imisó ngemisó; Yiba lusindiso kuthi ngexesha lembandezelo. 3 Ziyaphalaphaliswa izizwe lilizwi lengxokolo, ziyaphangalaliswa iintlanga kukuphakama kwakho. 4 Ohlanganiswa Emke amaxhoba ita njengokuhlanganisa kweenkumbi ezinqunquthayo, bawaququzelele njengokuququzela komqikela. 5 uYehova uphakamile, ngokuba ehleli Phezulu; uyizalisile iZiyon ngokusesikweni nangobulungisa. 6 Kuya kubakho ukuzimaseka kwamaxesha akho, nobutyebi bosindiso, nobulumko, nokwazi; ukoyika uYehova bubuncwane bakhe. 7 Yabona, iinjengele Zabo ziyakhala ngaphandle; abathunywa boxolo Balila ngokukrakra. 8 Iindlela azihanjwa; umhambi uphelile; úwaphule umnqophiso, ucekise imizi, àkakhathalela mNTU. 9 Ilizwe Lenza isijwili, lintshwenyile; ineentloni iLebhanon, ishwabene; iSharon Isuke Yaba njengenkqantosi; ivuthulula amagqabi iBhashan neKarmele. 10 Kungokunje ndiya kusuka ndime, utsho uYehova; kungokunje ndiya kuphakama; kungokunje ndiya kuzinyusa. 11 Niya kumitha isikhotha, iindiza nizale; ukufutha kwenu ngumlilo oya kunidla. 12 Izizwe Zoba yimitshiso yekalika, zoba yimithi enameva ehlahliweyo, ibaswe Umlilo. Inkosi ihlangula abantu Bayo 13 Yivani, bakude nina, endikwenzileyo: nibazi ubugorha bam, basondeleyo nina. 14 Bayankwantya eZiyon aboni, abaziintshembenxa babanjwe kukuthuthumela; Bathi, Ngubani na ke kuthi onokuphambukela emlilweni odlayo? ngubani na ke kuthi onokuphambukela emalangatyeni angunaphakade? 15 Ohamba ngobulungisa, othetha okuthe tye, ocekisa inzuzo yokucudisa, ovuthulula isandla sakhe singaphathi sicengo, ovingca iindlebe zakhe zingevi ngegazi, ocima amehlo Akhe angakhangeli entweni EMBI: 16 nguye Oya kuhlala ezindaweni eziphezulu. Iimboniselo zeengxondorha yingxonde yakhe; isonka sakhe usinikiwe, Amanzi Akhe ahleli Ekho. 17 Amehlo akho Aya kumkhangela ukumkani Ebuhleni bakhe; Aya kulibona ilizwe elisingise Küde. 18 Intliziyo yakho Iya kucamanga ngesothuso, Ithi, Uphi na umbali? uphi na umlinganiseli? uphi na umbali weenqaba ezinde? 19 Abantu abaziingwanyalala akuyi kubabona: abantu abantetho inzulu, ingavakaliyo, abalulwimi luthintithayo lungenakuqondeka. 20 Khangela iZiyon, Umzi wemithendeleko Yethu. Amehlo akho Aya kuyibona iYerusalem, isithili esinokonwaba, iyintente engàfuduswayo, ezikhonkwane zingàncothulwayo naphakade, ezintambo Zonke zingàqhawukiyo. 21 Ewe, ngenxa Yethu ikhona ingangamsha uYehova; yindawo enemilambo, enemijelo ebanzi ngeenxa Zombini; akuyi kuhamba sinqanawa sibheqwayo Apho, kungaweli Khona nqanawa iyingangamsha. 22 Kuba umgwebi wethu nguYehova, ummisimthetho wethu nguYehova, ukumkani wethu nguYehova; uya kusisindisa yena. 23 Zityeketyeke iintambo Zakho, àzilubambi useko lwemasti * Yazo, aziyitwabululi iseyile; * kuya kwandula kwabiwe amaxhoba amaninzi athinjiweyo, neziqhwala ziphange okuphangiweyo. 24 Akayi kuthi ummi wakhona, Ndiyafa; abantu abahleliyo Khona babuxolelwe ubugwenxa Babo. Bible Society del Sud Africa




No comments:

Post a Comment